Book Creator

Izicengcelezo ezinentshukumo zeBakala labasaQalayo

by Lumka Ndlungwana

Cover

Loading...
Izicengcelezo ezinentshukumo zeBakala labasaQalayo
Loading...
Umoya
Khanibone nank' umoya
Wuuuuuuu wuuuuu!
Ungen' ifestileni
ucim' isibane sam.
Uyaphuma ndiyasala
undishiya emnyameni.
Zuhambe, uhambe,
Wuuuuuuu wuuuuu!
Umzi watsha!
Umzi watsha,
umzi watsha.
Khangela phaya,
khangela phaya.
Umlilo, umlilo
Galel' amanzi,
galel' amanzi.
Isitiya sam
Ndinasitiya sam siluhlaza yaka, yaka.
Ndivuka kusasa ndisinkcenkceshele.
Emin' emaqanda ndithi nqothu, nqothu,
ndikhapha naphaya.
Kumnand' ukuginya sakuvuthwa sona.
Intwan’ encinane
Intwan’ encinane, intwan’ engekhoyo,
ebamb’ izideng’ ezingafun’ ukufunda.
Zixovul’ udak' ebusika kubanda.
Fundani bantwana nishenx’ engozini,
nizothandw’ angabantu ngenyameko yenu.
Katana, Katana
Katana katana
Uyaphi na katana?
Ndiya edolophini.
Uyokuthenga ntoni?
Ndiyokutheng' umnqwazi.
Umnqwazi, umnqwazi?
Zange ndayibon' ikat' ethwel' umnqwazi.
PrevNext